IMbasa yeSizwe
Indima
Yila
Umqondiso
Yila inkqubo
Indima yeMbasa yeSizwe
IMbasa yeSizwe yiwona mqondiso obonakalayo nobalulekileyo wesizwe.
IMbasa yeSizwe yinxaleye engu ndoqo yesiMiso eSiKhulu esaziwa njengoMfuziselo omkhulu weSizwe. Igunya elipheleleyo linikwa wonke amaxwebhu onophawu lesiMiso esiKhulu, njengoko oku kuthetha ukuba avunyiwe nguMongameli weLizwe laseMzantsi Afrika.
IMbasa yeSizwe yaseMzantsi Afrika yandululwa ngosuku lweNkululeko 27 April 2000. Le nguqu ibonisa injongo yorhulumente yokukhankanyisa inguqu yedemokhrasi eMzantsi Afrika kunye nomoya omtsha wokuthand'isizwe.
Uyilo nembonakaliso yeMbasa yeSizwe
IMbasa yeSizwe luluhlu lwezinto eziqokelelwe kwizangqa zesimo seqanda ezigqamileyo nezicukanisiweyo.
Imilo embhoxo esezantsi imele isiqalo sesiseko
Into yokuqala sisaci,esingaphakathi kwisangqa esingaphelelanga. Amabamba ahamba ngambini endlovu agqibezela isangqa abekwe ngendlela emisiweyo akhombe phezulu.Ngaphakathi kwalomhoxo owenziwe zezizibini zamabamba endlovu ngamagatyana engqolowa amabini ebhekiswe phezulu aphinde enza uphahla lekhaka legolide elibekwe embindini.
Imilo yekhaka ibhekiselele kwigubu linemifanekiso emibini yabantu ethatyathwe kwimizobo yobugcisa yabaThwa lemifanekiso iboniswa ibhekene ibulisana futhi imanyene.
Ngaphezulu kwekhaka ngumkhonto nesagweba ezibekwe zaphambana. Zonke ezi zinto zicwangciswe kakuhle ukuze zinike ingqalelo ekhakeni zibe sezigqibezela imilo esezantsi yesiseko.
Imilo embhoxo enyukayo
Ngaphezulu kwemilo embhoxo yesiseko, ngumbindi obonakalayo weMbasa yeSizwe, isiqwene. Amagqabi esiqwene abekwe ngokomfuziselo wemilo embhoxo ethathelwe kubugcisa bakudala baseAfrika.
Ingxangxosi ibekwe ngaphezu kwesiqwene lentyatyambo yenza isifuba salentaka. Ingxangxosi ime iwaphakamisele phezulu amaphiko wayo ngendlela ebonisa ubunganga nodushe.
Ilanga eliphakamayo ngaphezu kolundi libekwe phakathi kwamaphiko engxangxosi igqibezela le milo eyonyukayo embhoxo.
Indibaniso yemilo embhoxo ephezulu nesezantsi ziyanqumlana zenze uludwe olupheleleyo nolungaphukanga, nokungqinelana kwezakhi ezingundoqo kwenza uyilo olunomahluko olugqibeleleyo,olumangalisayo nolunomfaneleko.Kodwa igcina uzinzo isidima nokwenza okukhawulezayo okufunekayo kumfuziselo wesizwe.
Uyilo leMbasa yeSizwe
Imilo embhoxo yesiqalo
Isaci
Isaci - !ke e:/xarra //ke, esibhalwe ngolwimi lwesiKhoisan lwabantu abangama /Xam, esithetha nqo oku: abantu abohlukeneyo bayamanyana. Sijongana neenzame zomntu ngamnye zokuvelisa umanyano phakathi kweengcinga namanyathelo. Ngokwenyathelo eliqokelelayo, esi saci sihlaba ikhwelo esizweni ukuba sibumbane ngokomoya ofanayo wobunye nebhongo lesizwe - Umanyano kwiYantlukwanoy.
Iindlebe zengqolowa
Kwisangqa sesimo seqanda esakhiwe ngamabamba, zibonisa ukuchuma, ukukhula kunye nophuhliso lwamandla agciniweyo, ukondliwa kwabantu kunye nemiba yezolimo yomhlaba.
Amabamba endlovu
Abonakalisa ubulumko, ukomelela namandla, ukongamela nokuphola kunye nokungapheli.
Ikhaka
Ubume bekhaka legolide lifana nomgqomo. Linemisebenzi emibini: ukuveza ukuzazisa kunye nokhuseleko lwasemoyeni.
Imifanekiso yabantu
Umkhonto kunye nentonga
Iimbonakaliso ezimbini zokhuselo negunya, zikwabonisa imilenze enamandla yale ntaka. Umkhonto nentonga zilele phantsi, nto leyo ebonisa uxolo.
Imilo embhoxo enyukayo
Umfuziselo wobuhle belizwe lethu kunye nokugqama kwamandla ethu njengesizwe esisingise kwiMvuselelo ye-Afrika (African Renaissance) -sibonisa ukuhlangana okuqokelelekileyo kwezinto ezikhula emhlabeni, ezondliwa ngumhlaba zikhule.
Le Ntaka
Eboniswe ibhabha, isiphumo sendalo sokukhula nesantya. Intaka enamandla - kwaye imilenze yayo - eboniswe njengomkhonto nentonga - iyisebenzela kakuhle xa izingela iinyoka, nto leyo ebonisa ukhuselo lwesizwe kwiintshaba zaso. Sisithunywa samazulu kwaye sithoba ufefe lwaso emhlabeni, ngokwale ndlela ke sibonisa ubungangamsha obugqibeleleyo bobungcwalisa. Amaphiko ayo aphakanyisiweyo ngumfuziselo wokunyukela phezulu kwesizwe sethu, ngelilixa ke ngaxeshanye isinika ukhuseleko lwayo. Imibala ebalaseleyo neyaziwayo yase Afrika enikwe isiqwene - ngoluhlaza, obomvu nomnyama.
Ilanga eliphumayo
Umfuziselo wokukhanya nobuqaqawuli. Libonakalisa isithembiso sokuzalwa ngokutsha, ubume obunentshukumo bokubonisa, ulwazi, ukwenza isigqibo ngokufanelekileyo kunye namandla okuzimisela. Yimbonakaliso yomthombo wentlalo yokukhanya kunye nokuphelela koBuntu.
Isakhiwo esipheleleyo seMbasa yeSizwe sidibanisa izangqa zesimo seqanda ezingezantsi neziphezulu kwimbonakaliso yokungapheli. Indlela edibanisa ungqameko olungezantsi kwisiqingqo, ukutyhutyha ngemigca yamabamba, ngomqukumbelo apho kuphuma ilanga ngentla, yakha ubume beqanda lendalo apho kuphuma khona intaka. Ngendlela yembonakaliso, oku kubonisa ukuzalwa ngokutsha komoya wesizwe sethu esikhulu nesibukhali.
Ukubonisana rhoqo: malunga nomgangatho weenkonzo ezinikwayo
Ukubeka imigangatho yokunika iinkonzo: echaza umgangatho weenkonzo ezilindelekileyo
Ukwandisa amathuba okufikelela kwiinkonzo: ngakumbi kwabo babekade bedlelwa indlalo ngokwembali (ngexasha eligqithileyo)
Ukuqinisekisa amanqanaba aphezulu embeko nentlonipho: ngokubambelela kwimigangatho ebekiweyo yokuphatha iikhastoma
Ukunika inkcazelo eyongezelelweyo nengcono malunga neenkonzo: ukuze iikhastoma zibenenkcazelo efanelekileyo
Ukwenza izinto elubala: malunga nendlela ekunikwa ngayo iinkonzo
Ukulungisa ukungaphumeleli kunye neziphoso: ukuze iingxaki zisonjululwe okanye kujongwane nazo ngendlela efanelekileyo neyakhayo
Ukwenza izinto ngokubonisa ukuxabiseka kwemali yerhafu: ukuze iikhastoma ziqonde ukuba irhafu yazo isetyenziswa ngokufanelekileyo nangobunono.
I-Batho Pele, ingokususwa kwendlela emisiweyo eyinkcitho neduru engayilelwanga ukubeka imfuno zabantu kuqala. Yenzelwe nokuqinisekisa ukuba ucwangciso lwemali yeNkonzo zoLuntu ihambisana nemfuno zoluntu nezinto zabo ezibalulekile.
Izinto ezininzi abantu abathanda ukuzibona ziphuculwa azibizi mali, njengoncumo, ukuphatha abantu ngentlonipho, ukunyaniseka xa unika abantu ulwazi futhi ucele uxolo xa izinto zingahambi ngendlela efunekayo. Ezi zinto azifuni ukwandiswa kwemithombo zizinto ezifuna kwamkelwe amazinga ahlukileyo okuziphatha.
Ukuphuculwa kokunikezelwa kwenkonzo kumalunga nokulungisa senze ngokutsha yonke into esiyenza kwimithetho yoncedo lwabathengi. Ukuphunyezwa kwe Batho Pele asingomsebenzi welo xeshana kuphela. Iyinkqubo engummangaliso eqhubekela phambili, esezakuqhubeka iiminyaka, iqokelela amandla okuzimela ngalo lonke ixesha.
